Sunday, June 27, 2021

UBUYATHA OBUGQUBA KWISIXEKO SASEMTHATHA

Njengomntu ozalelwe wakhulela apha eNgangelizwe, yaba libhongo neqhayiya mini kuvulwa leswimming pool kulelokishi endala yakulengingqi ikumhlaba wabaThembu. Ndiyikhumbula kanye imini yayivulwa ilungiselela ukonwabisa, ukufundisa yaye nokuphuhlisa impilo yabaNtu baseNgangelizwe nakuMthatha jikelele, ngoba nabaNtu abahlala kwiziphaluka baxhamla mini kuvulwa leswimming pool pha ngoonyaka bo1989/90. Nam kulapho ndafunda isakhono sokuqubha apha sifundiswa ngamajoni eTranskei Defence Force ayethunyelwe ukuncedisana nophuhliso kwimpilo yethu, nokusixhobisa ngolwazi olubalulekileyo emntwini. Kodwa ngoku lendawo eyayihloniphekile, iligugu kuthi ngenxa yenxaxheba eyayidlala ngoqoqa abaNtu, ngakumbi ulutsha, ngokuligcina linendawo apho likwaziyo ukuzonwabisa ngokuziphuhlisa ngolwazi lokuqubha, sele iyekiwe ngabakwantloko emhlophe yatshatyalaliswa. Onke amandla asetyenziswa ukokha lendawo ahambe namanzi, ngoku sele iyindawo yokudlala nokukwenza yonke imikhuba, nendlu yangasese. Lena into ibonakalisa ukungahlonitshwa kweenkonzo ezikwindawo yabaNtu abamnyama ngabo bahleli kwisihlalo sikantloko emhlophe kumasipala waseMthatha onguye obenoxanduva lokugcina, ukulondoloza nokukhusela zonke iinkonzo namaziko karhulumente. Ngoku abantwana baseNgangelizwe bohluthwe into elulutho ezimpilweni zabo ngenxa yokungakhathali kwabaNtu abanikezwe uxanduva lokuzisa iinkonzo ebantwini. Lena yinto ebonakalisa igalelo elinziwe ngumasipala waseMthatha kunye nabo basemagunyeni ekutshabalaliseni impilo namaphupha abaNtu, ngakumbi ulutsha nabantwana baseNgangelizwe. Yenzeka yonke lento apha eNgangelizwe abe umasipala waseMthatha eyilondolozile wayikhusela iswimming pool esedolophini endala nakulena yaseNgangelizwe, esetyenziswa ikakhulu ngabelumbi nabantwana bohlohla esakhe. Isikhuni sizobuya nomkhwezeli!

No comments:

Post a Comment